UYeremiya

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52


Isahluko 25

Ilizwi elafikayo kuYeremiya ngokusingisele ebantwini bonke bakwaYuda, ngomnyaka wesine kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, ongumnyaka wokuqala kaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli;
2 awalithethayo uYeremiya umprofeti kubantu bonke bakwaYuda, nakubemi bonke baseYerusalem, esithi,
3 Kuthabathela kumnyaka weshumi elinesithathu kaYosiya unyana ka-Amon, ukumkani wakwaYuda, kuzise kule mini, le minyaka imashumi mabini anamithathu, bekufika ilizwi likaYehova kum; bendithetha kuni, ndivuka kwakusasa ndithethe; anivanga noko.
4 UYehova wathumela kuni bonke abakhonzi bakhe abaprofeti, ebathuma evuka kwakusasa; aniphulaphulanga noko, anizithobanga iindlebe zenu ukuba nive.
5 Baye besithi, Khanibuye elowo endleleni yakhe embi, nasebubini beentlondi zenu; nohlala emhlabeni awaninikayo uYehova, nina nooyihlo, ngonaphakade kanaphakade;
6 ningalandeli thixo bambi, ningabakhonzi, ningaqubudi kubo, ningandiqumbisi ngezenzo zezandla zenu, ukuze ndingenzi nto imbi kuni.
7 Aniphulaphulanga kum, utsho uYehova; ukuze nindiqumbise ngezenzo zezandla zenu, kuze kube kubi kuni.
8 Ngako oko utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ngenxa enokuba ningawevanga amazwi am,
9 yabonani, ndithumela ukuba ndiyithabathe yonke imizalwane yelasentla, utsho uYehova; ndithumela kuNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umkhonzi wam, ndiyizisele phezu kweli lizwe, naphezu kwabemi balo, naphezu kwezi ntlanga zonke, ngeenxa zonke; ndizisingele phantsi, ndizenze ummangaliso nomsondlo, neempanza ezingunaphakade;
10 ndoliphelisa phakathi kwazo izwi lemihlali nezwi lemivuyo, izwi lomyeni nezwi lomtshakazi, izwi lokusila nokukhanya kwesibane.
11 Eli lizwe lonke liya kubharha, kube senkangala; ezi ntlanga zimkhonze ukumkani waseBhabheli iminyaka emashumi asixhenxe.
12 Kuya kuthi ke, xa izalisekileyo iminyaka emashumi asixhenxe, ndimvelele ukumkani waseBhabheli nolo luhlanga, ngenxa yobugwenxa babo; utsho uYehova. Nelizwe lamaKaledi ndolenza kube senkangala ngonaphakade,
13 ndilizisele elo lizwe onke amazwi am endawathetha ngalo: into yonke ebhaliweyo kule ncwadi, ayiprofetileyo uYeremiya ngeentlanga zonke.
14 Ngokuba ziya kuwakhonzisa nawo iintlanga ezininzi nookumkani abakhulu, ndiwavuze ngokwemisebenzi yawo, nangokwezenzo zezandla zawo.
15 Ngokuba utshilo kum uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Thabatha le ndebe yewayini yobushushu esandleni sam, useze ngayo iintlanga zonke, endikuthumela kuzo;
16 zisele, zihexe, zigeze, ngenxa yekrele endilithumela phakathi kwazo.
17 Ndayithabatha ke indebe esandleni sikaYehova, ndaziseza zonke iintlanga, awandithumela kuzo uYehova:
18 iYerusalem, nemizi yakwaYuda, nookumkani bayo, nabathetheli bayo, ukuba benziwe iimpanza, nommangaliso, nomsondlo, nentshabhiso, njengoko kunjalo namhla;
19 uFaro ukumkani waseYiputa, nabakhonzi bakhe, nabathetheli bakhe, nabantu bakhe bonke;
20 nomxukuxela wonke, nookumkani bonke belizwe lakwaUtse, nookumkani bonke belizwe lamaFilisti, neAshkelon, neGaza, ne-Ekron, namasalela aseAshdode;
21 uEdom, noMowabhi, noonyana baka-Amon;
22 nookumkani bonke baseTire, nookumkani bonke baseTsidon, nookumkani bonke besiqhithi esiphesheya kolwandle;
23 uDedan, noTema, noBhizi, noonquthula-iinwele bonke;
24 nookumkani bonke bama-Arabhi, nookumkani bonke bomxukuxela omiyo entlango;
25 nookumkani bonke bamaZimri, nookumkani bonke bamaElam, nookumkani bonke bamaMedi;
26 nookumkani bonke belasentla, abakufuphi nabakude, elowo nomzalwana wakhe, nezikumkani zonke zehlabathi eziphezu komhlaba; asele emva kwabo ukumkani waseSheshaki.
27 Ngoko ke wothi kubo, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Selani ninxile, nihlanze, niwe, ningavuki, ngenxa yekrele endilithumela phakathi kwenu.
28 Kothi, xa bathe abavuma ukuyithabatha indebe esandleni sakho ukuba basele, uthi kubo, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Niya kusela ngenene.
29 Ngokuba, yabonani, ndiqalela emzini obizwa ngegama lam, ukuhlisa ububi; ningaba msulwa nide nibe msulwa na ke nina? Aniyi kuba msulwa; ngokuba ikrele ndilibizela bonke abemi behlabathi; utsho uYehova wemikhosi.
30 Ke wena uze ubaprofetele loo mazwi onke, uthi kubo, UYehova uya kubharhula phezulu, alikhuphe ilizwi lakhe ekhayeni lakhe eliyingcwele; uya kubharhula alibharhulele ikriwa lakhe; uya kubahlabela amayeyeye, njengabaxovuli beediliya, bonke abemi behlabathi.
31 Ingxolo iya kufika esiphelweni sehlabathi, ngokuba uYehova ubambene neentlanga; uya kugweba phakathi kwenyama yonke; abangendawo ubanikela ekreleni; utsho uYehova.
32 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabonani, ububi buya kuphuma eluhlangeni, buye eluhlangeni, umoya omkhulu ovuthuzayo uvuke esinqeni sehlabathi.
33 Ababuleweyo nguYehova ngaloo mini, bathabathele ekupheleni kwehlabathi, bese ekupheleni kwehlabathi, bangambanjazelelwa, bangahlanganiswa, bangangcwatywa; baya kuba ngumgquba phezu komhlaba.
34 Bhombolozani, balusi, nikhale; nizigalele ngothuthu, zingangamsha zomhlambi; ngokuba izalisekile imihla yenu yokuba nisikwe. Ndiya kuniphangalalisa, niwe njengesitya esinqwenelekayo;
35 iphele intsabo kubalusi, nokusinda kwiingangamsha zomhlambi.
36 Yivani ukukhala kwabalusi, nokubhomboloza kweengangamsha zomhlambi; ngokuba uYehova uyalibhuqa idlelo labo.
37 Athe shwaka amakriwa oxolo, ngenxa yokuvutha komsindo kaYehova.
38 Ulushiyile njengengonyama entsha udada lwakhe; ngokuba kuthe kwaba senkangala kulo ilizwe labo ngenxa yekrele elidlavulayo, nangenxa yokuvutha komsindo wakhe.