UYeremiya

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52


Isahluko 17

Isono sikaYuda sibhalwe ngenkxola yesinyithi, sakrolwa ngetsolo ledayiman elucwecweni lwentliziyo yabo, nasezimpondweni zezibingelelo zenu.
2 Njengokubakhumbula kwabo oonyana babo, bayazikhumbula izibingelelo zabo, nooAshera babo ngasemithini eluhlaza, ezindulini ezinde.
3 Ntaba yam esezweni, ubutyebi bakho nobuncwane bakho bonke ndibunikela ekuphangweni, neziganga zakho ngenxa yezono emideni yakho yonke.
4 Uya kuliyeka ngokwakho ilifa lakho endakunikayo, ndikukhonzise kwiintshaba zakho elizweni ongalaziyo; ngokuba niwuphembile umlilo ngomsindo wam, uvutha usa ephakadeni.
5 Utsho uYehova ukuthi, Iqalekisiwe indoda ekholose ngomntu, eyenza inyama ingalo yayo, intliziyo yayo imke nje kuYehova;
6 ibe njengochushuluzayo enkqantosini, ingaboni kufika nto ilungileyo; ime engqaqasini, entlango, ezweni letyuwa elingenammi.
7 Isikelelwe indoda ekholose ngoYehova, enkoloseko ikuYehova;
8 kuba yoba njengomthi omiliselwe emanzini, unabise iingcambu zawo phezu komlambo, ungoyiki xa kuthe kweza ubushushu; aqhame amagqabi awo, ungakhathali ngomnyaka wokubalela, ungayeki ukuvelisa iziqhamo.
9 Intliziyo inenkohliso ngaphezu kweento zonke, isisifo esibi; ngubani na onokuyazi?
10 Mna, Yehova, ndiyayigocagoca intliziyo, ndiyazicikida izintso, ukuze ndinike ulowo nalowo ngokwendlela yakhe, ngokwesiqhamo seentlondi zakhe.
11 Njengesikhwatsha esifukamela amaqanda esingawazalanga, unjalo ozuza ubutyebi ngokungesesikweni; uya kubushiya phakathi kwemihla yakhe, abe sisidenge ekupheleni kwakhe.
12 Wena trone yobuqaqawuli, mongamo kwasekuqaleni, ndawo yengcwele yethu;
13 themba likaSirayeli, Yehova, bonke abakushiyayo baya kudana. Abatyekayo kum baya kubhalelwa emhlabeni, ngokuba belishiyile ithende lamanzi aphilileyo, uYehova.
14 Ndiphilise, Yehova, ndiphile; ndisindise, ndisinde; ngokuba indumiso yam nguwe.
15 Yabona, bathi, Liphi na ilizwi likaYehova? malize kalokunje.
16 Mna andikubalekelanga ukuba ngumalusi emva kwakho; andiwunqwenelanga umhla onesifo, wena uyazi; okuphume emlonyeni wam bekuphambi kobuso bakho.
17 Musa ukundiqhiphula umbilini; ulihlathi lam ngomhla wobubi.
18 Mabadane abandisukelayo, mandingadani mna; mabaqhiphuke umbilini bona, mandingaqhiphuki umbilini mna; bazisele imini yobubi, ubaphule ngolwaphulo olubini.
19 UYehova watsho kum ukuthi, Hamba uye kuma esangweni loonyana babantu, abangena ngalo ookumkani bakwaYuda, abaphuma ngalo, nasemasangweni onke aseYerusalem;
20 uthi kubo, Liveni ilizwi likaYehova, ninakumkani bakwaYuda, nani maYuda nonke, nani bemi bonke baseYerusalem, bangenayo ngala masango.
21 Utsho uYehova ukuthi, Zigcineni ngenxa yemiphefumlo yenu, ningathwali mthwalo ngomhla wesabatha, niwungenise ngamasango aseYerusalem;
22 ningaphumi nomthwalo ezindlwini zenu ngomhla wesabatha, ningenzi nalinye ishishini. Wungcwaliseni umhla wesabatha, njengoko ndabawiselayo umthetho ooyihlo.
23 Ke abevanga, abazithobanga iindlebe zabo, bayenza lukhuni intamo yabo, ukuze bangevi, ukuze bangavumi ntethiso.
24 Kothi ke, ukuba nithe nandiphulaphula, utsho uYehova, anangenisa mthwalo ngamasango alo mzi ngomhla wesabatha, nawungcwalisa umhla wesabatha, anenza nalinye ishishini ngawo:
25 kothi ke kungene ngamasango alo mzi ookumkani nabathetheli, abahleli etroneni kaDavide, bekhwele ezinqwelweni nasemahasheni, bona, nabathetheli babo, amadoda akwaYuda, nabemi baseYerusalem; lo mzi umiwe ngonaphakade,
26 Baya kuvela emizini yakwaYuda, nangeenxa zonke eYerusalem, nasezweni lakwaBhenjamin, nasesithabazini, nakwelithe thabalala, nakwelisezantsi, bezisa amadini anyukayo, nemibingelelo, neminikelo yokudla, nentlaka emhlophe; bangenise umbulelo endlwini kaYehova.
27 Ke ukuba anithanga nindiphulaphule, ukuba niwungcwalise umhla wesabatha, ningathwali mthwalo, ningangeni ngamasango aseYerusalem ngomhla wesabatha: ndofaka isikhuni emasangweni ayo, udle iingxande ezinde zaseYerusalem, ungacinywa.