1 YeziKronike

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29


Isahluko 17

Ke kaloku kwathi, xa ahleliyo uDavide endlwini yakhe, wathi uDavide kuNatan umprofeti, Uyabona, mna ndihleli endlwini yemisedare; ke yona ityeya yomnqophiso kaYehova iphantsi kwamalengalenga.
2 Wathi uNatan kuDavide, Konke okusentliziyweni yakho, kwenze, ngokuba uThixo unawe.
3 Kwathi ngobo busuku lafika ilizwi likaThixo kuNatan, lisithi,
4 Hamba uye kuthi kuDavide umkhonzi wam, Utsho uYehova ukuthi, Wena akusayi kundakhela ndlu yakuhlala.
5 Ngokuba andihlalanga ndlwini, kususela kulaa mini ndawanyusayo ngayo amaSirayeli, unanamhla; ke ndisuka ententeni ndiye ententeni, ndisuke emnqubeni ndiye emnqubeni.
6 Ekuhambeni konke, endakuhamba-hambayo namaSirayeli onke, khe ndathetha izwi na nakumnye kubagwebi bakwaSirayeli, endabawisela umthetho wokwalusa abantu bam, lokuthi, Yini na ukuba ningandakheli ndlu yamisedare?
7 Ke ngoko wotsho kuDavide umkhonzi wam, ukuthi, Utsho uYehova wemikhosi, ukuthi, Ndakuthabatha edlelweni mna, ekulandeleni impahla emfutshane, ukuba ube yinganga yabantu bam amaSirayeli.
8 Ndaba nawe kuko konke owahamba kuko, ndazinqumla zonke iintshaba zakho ebusweni bakho, ndakwenzela igama njengegama labakhulu abasehlabathini.
9 Ndiya kubamisela indawo abantu bam amaSirayeli, ndibatyale, beme emanxuweni abo, bangabi sagungqa; oonyana bobutshijolo bangabuyi babonakalise, njengamhla mnene;
10 kususela kulaa mini ndabamisela abantu bam amaSirayeli abagwebi, ndazithoba zonke iintshaba zakho. Ke ndiyakuxelela ukuba uYehova uya kukwakhela indlu.
11 Kothi, xa ithe yazaliseka imihla yakho yokuba uye kooyihlo, ndiyipha kamise emva kwakho imbewu yakhe, eya kuvela koonyana bakho, ndibuzi nzise ukukumkani bakhe.
12 Nguye oya kundakhela indlu, ndiyizinzise itrone yakhe, kude kuse ephakadeni.
13 Mna ndiya kuba nguyise kuye, yena abe ngunyana kum. Inceba yam andiyi kuyisusa kuye, njengoko ndayisusayo kowayengaphambi kwakho.
14 Ndiya kummisa endlwini yam, nasebukumkanini bam, kude kuse ephakadeni; itrone yakhe iya kuzinza kude kuse ephakadeni.
15 Njengaloo mazwi onke, njengaloo mbono wonke, wenjenjalo uNatan ukuthetha kuDavide.
16 Waya ukumkani uDavide, wahlala phambi koYehova, wathi, Ndingubani na, Yehova Thixo, iyintoni na indlu yam, ukuba ude undizise nalapha?
17 Kuncinane oko ke emehlweni akho, Thixo; uthethe nangendlu yomkhonzi wakho wasingisa mgama; wandikhangela, wandenza umntu, wandinyusa, Yehova Thixo.
18 Usaya kongeza ntoni na uDavide, ukuthetha kuwe ngokusingisele ekuzukisweni komkhonzi wakho lo? Wena uyamazi umkhonzi wakho lo.
19 Yehova, ubenze ngenxa yomkhonzi wakho, nangokwentliziyo yakho, bonke obo bukhulu, ukwazisa ezi zenzo zonke zikhulu kangaka.
20 Yehova, akukho unjengawe; akukho Thixo ngaphaya kwakho, njengoko konke sikuvileyo ngeendlebe zethu.
21 Luluphi na uhlanga ehlabathini apha, olunjengabantu bakho amaSirayeli; awaya kuzikhululela lona uThixo, ukuba lube ngabantu, ukuba akumisele igama ngezenzo ezikhulu nezoyikekayo, ngokugxotha iintlanga phambi kwabantu bakho owabakhululayo eYiputa?
22 Wabenza abantu bakho amaSirayeli baba ngabantu kuwe, kude kuse ephakadeni; wena, Yehova, waba nguThixo kubo.
23 Kaloku, Yehova, ilizwi olithethileyo ngomkhonzi wakho, nangendlu yakhe, malibe yinyaniso kude kuse ephakadeni, wenze njengoko uthethileyo;
24 libe yinyaniso, likhule igama lakho kude kuse ephakadeni, kusithiwa, UYehova wemikhosi, uThixo wamaSirayeli, nguThixo kuSirayeli; indlu kaDavide, umkhonzi wakho, iqinile phambi kwakho.
25 Ngokuba wena, Thixo wam, ukutyhilile ezindlebeni zomkhonzi wakho, ukuba uya kumakhela indlu. Ngenxa yoko umkhonzi wakhe ufumene intliziyo yokuthandaza phambi kwakho.
26 Kaloku, Yehova, unguye uThixo wena; uzithethile ke ngomkhonzi wakho ezi zinto zilungileyo.
27 Kaloku makukholeke kuwe ukuyisikelela indlu yomkhonzi wakho, ukuba ihlale ihleli phambi kwakho ngonaphakade; ngokuba wena, Yehova, uyisikelele into, yosikeleleka ke ngonaphakade.