1 YeziKronike

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29


Isahluko 19

Kwathi emva koko, wafa uNahashe, ukumkani woonyana baka-Amon; waba ngukumkani unyana wakhe esikhundleni sakhe.
2 Wathi ke uDavide, Mandimenzele inceba uHanun unyana kaNahashe, njengokuba noyise wandenzela inceba. Wathumela uDavide abathunywa bokumkhuza ngaye uyise. Beza ke abakhonzi bakaDavide ezweni loonyana baka-Amon kuHanun, ukuba bamkhuze.
3 Bathi abathetheli boonyana baka-Amon kuHanun, Ucinga ukuba uDavide uzukisa uyihlo na emehlweni akho, ngokuba ethume abakhuzi kuwe? Abakhonzi bakhe abeze kuwe na ukuze baligocagoce, balibhukuqe, balihlole ilizwe?
4 Wabathabatha uHanun abakhonzi bakaDavide, wabaguya, wazicanda phakathi iingubo zawo ezinde, wada waya kuma ngemisekela; wabandulula ke.
5 Bahamba, bamxelela uDavide okwenziwe kuloo madoda. Wathumela bawakhawulela; ngokuba amadoda lawo ayehlazisiwe kunene. Wathi ukumkani, Hlalani eYeriko zide zihlume iindevu zenu, nandule ukubuya ke.
6 Babona oonyana baka-Amon, ukuba bazinukisile kuDavide, bathumela ke ooHanun noonyana baka-Amon kwa-Aram ephakathi kweMilambo, nakwa-Aram-mahaka, naseTsobha, iwakaleetalente zesilivere, ukuba baqeshe iinqwelo zokulwa nabamahashe.
7 Baziqeshela amashumi amathathu anamabini amawaka eenqwelo zokulwa, nokumkani waseMahaka, nabantu bakhe; beza ke bamisa iintente phambi kweMedebha. Oonyana baka-Amon bahlanganisana, bephuma emizini yabo, beza kulwa.
8 Weva uDavide, wathuma uYowabhi, enomkhosi wonke wamagorha.
9 Baphuma oonyana baka-Amon, bakha izintlu zokulwa ekungeneni komzi, ookumkani ababezile bebodwa endle.
10 Wabona uYowabhi ukuba imfazwe ibheke kuye, ngaphambili nangasemva; wanyula emadodeni onke ahleliweyo kwaSirayeli, wakha uluhlu malunga nama-Aram.
11 Abanye abantu wabanikela esandleni sika-Abhishayi, umninawa wakhe; bakha uluhlu malunga noonyana baka-Amon.
12 Wathi, Ukuba ama-Aram athe andeyisa, wondisiza; ukuba bathe oonyana baka-Amon bakweyisa,
13 ndokusiza Yomelela, somelele ngenxa yabantu bakowethu, nangenxa yemizi yoThixo wethu; uYehova uya kwenza oko kulungileyo emehlweni akhe.
14 Wafika uYowabhi nabantu ababenaye, wema phambi kwama-Aram, eza kulwa; asaba ebusweni bakhe.
15 Babona oonyana baka-Amon ukuba asabile ama-Aram, basaba nabo ebusweni buka-Abhishayi umninawa wakhe, bangena ekhaya.
16 Waya uYowabhi eYerusalem. Abona ama-Aram ukuba agxothiwe phambi kwamaSirayeli, athuma izigidimi, awarhola ama-Aram abephesheya koMlambo, uShofaki, umthetheli womkhosi kaHadarezere, ephambi kwawo.
17 Kwaxelwa kuDavide; wahlanganisa amaSirayeli onke, wayiwela iYordan, waya kuwo, wakha uluhlu ukuba alwe nawo. UDavide walwakha uluhlu, esiya kuwahlangabeza ama-Aram ukuba alwe nawo; alwa ke naye.
18 Asaba ama-Aram ebusweni bamaSirayeli; uDavide wabulala kuma-Aram amawaka asixhene abeenqwelo zokulwa, namashumi amane amawaka amadoda angumqikela, wabulala noShofaki, umthetheli womkhosi.
19 Babona abakhonzi bakaHadarezere ukuba bagxothiwe phambi kwamaSirayeli, baxolisana noDavide, bamkhonza. Akavuma ama-Aram ukuba sabasiza oonyana baka-Amon.