1 YeziKronike

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29


Isahluko 20

Kwathi ukuvela komnyaka, ngexesha lokuphuma kookumkani, uYowabhi wayeyiphethe impi ephuma umkhosi; walonakalisa ilizwe loonyana baka-Amon, wafika wayingqinga iRabha. UDavide yena wahlala eYerusalem. UYowabhi ke wayichitha iRabha, wayitshabalalisa.
2 UDavide wasithabatha isithsaba sokumkani wabo entlokweni yakhe, wasifumana siyitalente yegolide ubunzima baso, sinamatye anqabileyo; sabekwa entlokweni kaDavide. Waphuma namaxhoba aloo mzi amaninzi kunene.
3 Ke abantu ababekhona wabarhola, wabasika ngeesarha, nangezisizilo zesinyithi, nangeempahla ezibukhali zesinyithi. Wenjenjalo uDavide kwimizi yonke yoonyana baka-Amon. Wabuya ke uDavide nabantu bonke, waya eYerusalem.
4 Kwathi emva koko, kwaliwa namaFilisti eGezere; wesuka uSibhekayi umHusha wambulala uSipayi, obe engowoonyana bakaRafa; oyiswa ke.
5 Kwabuya kwaliwa namaFilisti. UElihanan unyana kaYahire wambulala uLami, umzalwana kaGoliyati waseGati, oluthi lwentshuntshe yakhe lwalungangomthi wabaluki.
6 Kwabuya kwaliwa eGati. Kwakho ndoda iyingxilimbela, eminwe neenzwane zazingamashumi amabini anane; imithandathu sandleni sinye, zintandathu lunyaweni lunye; nayo ibizalwa nguRafa.
7 Yawangcikiva amaSirayeli; wayibulala uYonatan, unyana kaShimeha umkhuluwa kaDavide.
8 Abo bazalwa nguRafa eGati; bawa ngesandla sikaDavide, nangesandla sabakhonzi bakhe.