1 YeziKronike

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29


Isahluko 3

Ngabo aba oonyana bakaDavide, awabazalelwayo eHebron: owamazibulo ibinguAmnon ka-Ahinowam waseYizereli; owesibini nguDaniyeli ka-Abhigali waseKarmele;
2 owesithathu nguAbhisalom unyana kaMahaka, intombi kaTalemayi, ukumkani waseGeshuri; owesine nguAdoniya unyana kaHagiti;
3 owesihlanu nguShefatiya ngoAbhitali; owesithandathu nguItram ngoEgela umkakhe.
4 Abo bathandathu wabazalelwa eHebron; waba ngukumkani khona iminyaka esixhenxe neenyanga ezintandathu. Waba neminyaka emashumi mathathu anamithathu engukumkani eYerusalem.
5 Ngabo aba awabazalelwayo eYerusalem: nguShimeha, noShobhabhi, noNatan, noSolomon, bobane, ngoBhateshuwa intombika-Amiyeli;
6 nguIbhehare, noElishama, noElifelete,
7 noNoga, noNefege, noYafiya,
8 noElishama, noEliyada, noElifelete; basithoba.
9 Bebonke oonyana bakaDavide ngabo abo, bengabalwa oonyana bamashweshwe; nodade wabo ibinguTamare.
10 Unyana kaSolomon ibinguRehabheham; nguAbhiya unyana wakhe; nguAsa unyana wakhe; nguYoshafate unyana wakhe;
11 nguYoram unyana wakhe; nguAhaziya unyana wakhe; nguYowashe unyana wakhe;
12 nguAmatsiya unyana wakhe; nguAzariya unyana wakhe; nguYotam unyana wakhe;
13 nguAhazi unyana wakhe; nguHezekiya unyana wakhe; nguManase unyana wakhe;
14 nguAmon unyana wakhe; nguYosiya unyana wakhe.
15 Oonyana bakaYosiya nguYohanan, amazibulo akhe, nguYoyakim owesibini, nguZedekiya owesithathu, nguShalum owesine.
16 Oonyana bakaYoyakim nguYekoniya unyana wakhe; nguZedekiya unyana wakhe.
17 Oonyana bakaYekoniya nguAsire, nguShelatiyeli unyana wakhe,
18 noMalekiram, noPedaya, noShenatsare, noYekamiya, noHoshama, noNedabhiya.
19 Oonyana bakaPedaya ngooZerubhabheli noShimehi. Oonyana bakaZerubhabheli ngooMeshulam, noHananiya, benoShelomiti udade wabo;
20 noHashubha, no-Oheli, noBherekiya, noHasadiya, noYushabhi-hesede; bahlanu.
21 Oonyana bakaHananiya ngooPelatiya noYesaya; oonyana bakaRefaya; oonyana baka-Arnan; oonyana bakaObhadiya; oonyana bakaShekaniya.
22 Oonyana bakaShekaniya nguShemaya; oonyana bakaShemaya ngooHatushe, noIgali, noBhariya, noNeyariya, noShafati; bathandathu.
23 Oonyana bakaNeyariya ngooEliyohenayi, noHezekiya, noAzerikam; bathuthu.
24 Oonyana bakaEliyohenayi ngooHodaya, noEliyashibhi, noPelaya, noAkubhi, noYohanan, noDelaya, noAnani; basixhenxe.