1 YeziKronike

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29


Isahluko 25

UDavide nabathetheli-mkhosi babahlulela inkonzo oonyana baka-Asafu noHeman noYedutun, baprofeta ngeehadi nangemirhubhe nangamacangci. Inani lawo la madoda asebenzela inkonzo yawo laba leli:
2 Koonyana baka-Asafu: nguZakure, noYosefu, noNetaniya, noAsharela; oonyana baka-Asafu bephethwe nguAsafu, beprofeta, bephethwe ngokomyalelo wokumkani.
3 KuYedutun: oonyana bakaYedutun nguGedaliya, noTseri, noYeshaya, noHashabhiya, noMatitiya, bebathandathu, bephethwe nguyise uYedutun, eprofeta ngohadi, ebulela edumisa uYehova.
4 KuHeman: oonyana bakaHeman nguBhukiya, noMataniya, noUziyeli, noShebhuweli, noYerimoti, noHananiya, noHanani, noEliyata, noGidaleti, noRomamti-ezere, noYoshebhekasha, noMaloti, noHotire, noMahaziyoti.
5 Bonke aba babengoonyana kuHeman, imboni yokumkani emazwini kaThixo, ukuba aluphakamise uphondo. UThixo wamnika uHeman oonyana abalishumi elinabane, neentombi ezintathu.
6 Bonke abo babephethwe nguyise ekuvumeni endlwini kaYehova, benamacangci, nemirhubhe, neehadi, bekhonza endlwini kaThixo, bephethwe ngokomyalelo wokumkani, noAsafu, noYedutun, noHeman.
7 Inani labo kunye nabazalwana babo ababefundisiwe ukuvuma iingoma zikaYehova, bonke abakwaziyo, lalingamakhulu amabini anamanci asibhozo anesibhozo.
8 Bawisa amaqashiso esigxina: njengoko anjalo omncinane, wanjalo omkhulu, okwaziyo kunye nofundiswayo.
9 Iqashiso lokuqala laphuma ngoAsafu, noYosefu: yena, nabazalwana bakhe, noonyana bakhe, baba lishumi elinababini; iqashiso lesibini noGedaliya: yena nabazalwana bakhe noonyana bakhe baba lishumi elinababini;
10 elesithathu noZakure: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe, baba lishumi elinababini;
11 elesine noItseri: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
12 elesihlanu noNetaniya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
13 elesithandathu noBhukiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
14 elesixhenxe noYesharela: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
15 elesibhozo noYeshaya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
16 elesithoba noMataniya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
17 eleshumi noShimehi: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
18 eleshumi elinanye noAzareli: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
19 eleshumi elinesibini noHashabhiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
20 eleshumi elinesithathu noShubhayeli: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
21 eleshumi elinesine noMatitiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
22 eleshumi elinesihlanu noYeromoti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
23 eleshumi elinesithandathu noHananiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
24 eleshumi elinesixhenxe noYoshebhekasha: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
25 eleshumi elinesibhozo noHanani; yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe, baba lishumi elinababini;
26 eleshumi elinesithoba noMaloti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
27 elamashumi omabini noEliyata: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
28 elamashumi omabini analinye noHotire; yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
29 elamashumi omabini anesibini noGidaleti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini;
30 elamashumi omabini anesithathu noMahaziyoti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhebaba lishumi elinababini;
31 elamashumi omabini anesine noRomamti-ezere: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini.