Isahluko 14

Ngokuba uYehova uya kuba nemfesane kuYakobi, abuye awanyule amaSirayeli, awahlalise emhlabeni wakowawo, bathelele kuwo abasemzini, bahlomele endlwini kaYakobi.
2 Ziya kuwathabatha izizwe, ziwazise endaweni yawo: bazifuye zona abendlu kaSirayeli emhlabeni kaYehova, zibe ngamakhoboka namakhobokazana, babe ngabathimbi babathimbi babo, babe nobukhosi kubaqhubi babo.
3 Kuya kuthi, mini uYehova aniphumzayo ekwaphukeni kwenu, nasekugungqeni kwenu, nasekukhonzeni okunzima, enakhonziswa ngako,
4 nihlabe lo mzekeliso ngokumkani waseBhabheli, nithi, Utheni na ukupheza umqhubi! ukupheza umzi othisayo!
5 UYehova ulwaphule uswazi lwabangendawo, intonga yabalawuli,
6 ebizibetha izizwe ngokuphuphuma komsindo, ngokubetha okungenakupheza; ebizinyathela ngomsindo iintlanga ngokusukelwa okungenakubanjezelwa.
7 Liphumle, lizolile ihlabathi lonke; bayagqabhuka bamemelele.
8 Nayo imisipres ikuvuyele, imisedare yaseLebhanon ithi, Kuseloko walalayo, akunyuki mgawuli usigawulayo.
9 Elabafileyo ngaphantsi liyagungqa nguwe, ngokubona ukuza kwakho; likuxhoxhela abafileyo, zonke iinkunzi ezikhokelayo zehlabathi; liphakamisa ezitroneni zabo bonke ookumkani beentlanga.
10 Zonke ziphela zasusela ngelithi kuwe, Nawe wenziwe ofayo njengathi na? usuke wafana nathi na?
11 Buhliselwe kwelabafileyo ubungangamsha bakho, isandi semirhubhe yakho; kwandlelwe iimpethu ngaphantsi kwakho, akugubungele amanundu.
12 Utheni na ukuwa emazulwini, Khwezi, nyana wesifingo! ukunqunyulwa uwe emhlabeni, mngquli weentlanga!
13 Wena ke wathi entliziyweni yakho, Ndiyakunyukela emazulwini, ndiyinyuse itrone yam ibe ngaphezu kweenkwenkwezi zikaThixo; ndihlale entabeni yentlanganiso, engontsini yasentla.
14 Ndiya kunyuka ngaphezu kweziganga zamafu, ndizifanise nOsenyangweni;
15 kanti uya kuhliselwa kwelabafileyo, engontsini yomhadi.
16 Abakubonayo baya kukuthi nzo ngamehlo, bakugqale, bathi, Yiyo na le indoda ebiligungqisa ihlabathi, ebizinyikimisa izikumkani?
17 eyalenza intlango elimiweyo, yayigungxula imizi yalo; ayabavulela ababanjwa balo ukuba bagoduke?
18 Bonke ookumkani beentlanga, bonke bephela, balele benozuko, elowo endlwini yakhe;
19 ke wena ulahlelwe kude nengcwaba lakho, njengegatya elilisikizi; wambethe ababuleweyo, abahlatywe ngekrele, abahle baya ematyeni omhadi; njengesidumbu esinyashwe ngeenyawo.
20 Akuyi kubandakanywa nabo engcwabeni, ngokokuba walonakalisayo ilizwe lakho, wababulala abantu bakho; ayiyi kuba nagama naphakade imbewu yabenzi bobubi.
21 Oonyana bakhe balungiseleni ukusikwa, ngenxa yobugwenxa booyise, Mabangesuki balidle ilifa ihlabathi, bazalise elimiweyo ngemizi,
22 Ndiya kusukela phezulu kubo, utsho uYehova wemikhosi, iBhabheli ndiyinqumle ingabi nagama namasalela, nanyana nanzalo, utsho uYehova;
23 ndiyenze ibe lilifa lokhwalimanzi nezadunge zamanzi, ndiyitshayele ngomtshayelo wentshabalalo; utsho uYehova wemikhosi.
24 Ufungile uYehova wemikhosi wathi, Inyaniso, njengoko ndicinge ngako, koba njalo; njengoko ndicebe ngako, koma ngolo hlobo;
25 ukuba ndimaphule uAsiriya ezweni lam, ndimnyashe ngeenyawo ezintabeni zam, isuke kubo idyokhwe yakhe, usuke umthwalo wakhe esixhantini sabo.
26 Lilo elo icebo elicetyiweyo ngehlabathi lonke; siso eso isandla esolukileyo phezu kweentlanga zonke.
27 Kuba uYehova wemikhosi ucebile, ngubani na onokutshitshisa? nesandla sakhe eso solukile, ngubani na onokusibuyisa?
28 Ngomnyaka wokufa kokumkani onguAhazi kwabakho esi sihlabo sithi:
29 Musa ukuvuyelela, wena Filisti uphela, ngakuba yaphukile intonga ebikubetha; kuba engcanjini yenyoka kuphuma irhamba, isiqhamo sayo sibe yinyoka etshisayo, ephaphazelayo.
30 Baya kudla abazizisweli, abuthe ekholosile amahlwempu; ndibulale ingcambu yakho ngendlala, abulawe amasalela akho.
31 Bhomboloza, sango! Khala, mzi! Yitha amandla, wena Filisti uphela, ngokuba entla kuphuma umsi; akukho wahlukayo ebuthweni lakhe.
32 Bathini na ukuphendula abathunywa beentlanga? Bathi, UYehova uyisekile iZiyon, zozimela ngayo iintsizana zabantu bakhe.