Isahluko 54

Memelela, ludlolo lungazaliyo; gqabhuka umemelele, utsholoze, wena ungenanimba; ngokuba baninzi abantwana besishiywa, ngaphezu kwabantwana bonendoda; utsho uYehova.
2 Yenze banzi indawo yentente yakho, uwatwabulule amalengalenga eminquba yakho, ungathinteli; zolule izintya zakho, uziqinisele izikhonkwane zakho.
3 Kuba uya kutyhobozela ekunene nasekholo, imbewu yakho izidle ilifa iintlanga, iyime imizi ebingamanxuwa.
4 Musa ukoyika, ngokuba akuyi kudana; musa ukudideka lihlazo, ngokuba akuyi kuba nazintloni. Ngokuba ukudana kobuntombi bakho uya kukulibala, ungcikivo lobuhlolokazi bakho ungabi salukhumbula.
5 Ngokuba indoda yakho nguMenzi wakho, ogama lakhe linguYehova wemikhosi; nguMkhululi wakho oyiNgcwele kaSirayeli, ekuthiwa nguThixo wehlabathi lonke.
6 Ngokuba uYehova ukubize njengomfazi obeshiyiwe, omoya ubulalekileyo, njengomfazi wobutsha, xeshikweni ebethe wacekiswa; utsho uThixo wakho.
7 Ndakushiya okwephanyazo elincinane; ndiya kukubutha ngemfesane enkulu.
8 Ngomkhukula woburhalarhume ndabusithelisa ubuso bam kuwe okwephanyazo; ndiya kuba nemfesane kuwe ngenceba engunaphakade; utsho uMkhululi wakho uYehova.
9 Ngokuba injengonogumbe kaNowa le nto kum; oko ndafungayo ukuba amanzi kaNowa akasayi kuba sahamba phezu kwehlabathi, ngokunjalo ndifungile ukuba andiyi kuba naburhalarhume kuwe, ndingakukhalimeli.
10 Ngokuba zingade zimke iintaba, neenduli zishukume; yona inceba yam ayiyi kumka kuwe, ungashukumi nomnqophiso wam woxolo; utsho onemfesane kuwe, uYehova.
11 Wena lusizana, uphetshethwayo ungenantuthuzelo, yabona, ndiwabeka amatye akho kwistibhiya, ndikuseka ngeesafire.
12 Ndolumisa uqoqo lwakho ngeerubhi, namasango akho ngamatye abengezelayo, nemida yakho yonke ngamatye anqabileyo.
13 Bonke abantwana bakho baya kuba ngabafundi bakaYehova, lube lukhulu uxolo lwabantwana bakho.
14 Uya kuzinza ngobulungisa; ungakhe uxhale, ngokuba akuyi kuba nakoyika; ungakhe uqhiphuke umbilini, ngokuba akuyi kusondela kuwe.
15 Yabona, bayaqukana bahlanganisane, andikho mna kuloo nto; nokuba ngoobani na abaya kuqukana ngawe, baya kuwa ngenxa enawe.
16 Yabona, mna ndadala ingcibi efutha umlilo wamalahle, ivelise impahla ngokweshishini layo; kwamna ndadala nomonakalisi wokuyonakalisa.
17 Zonke izixhobo ezikhandelwa ukulwa nawe aziyi kuba nampumelelo; zonke iilwimi ezimelene nawe ematyaleni uya kuzigweba. Lilo eli ilifa labakhonzi bakaYehova, nobulungisa babo obuphuma kum; utsho uYehova.