Isahluko 65

Ndangxokeka kwababengandibuzi, ndafumaneka kwababengandifuni. Ndathi, Ndikho, ndikho, kuhlanga obelungabizwa ngegama lam.
2 Ndolula isandla zam imini yonke kubantu abaziinjubaqa, abahamba ngendlela engalungileyo, emva kweengcinga ezizezabo:
3 abantu aba bandiqumbisayo ngamaxesha onke besebusweni bam, bebingelela emiyezweni, beqhumisela eziteneni,
4 behleli emangcwabeni, belalisa ezindaweni ezinqabileyo, besidla inyama yehagu, ezityeni zabo ingumhluzi oyimbozisa;
5 besithi, Yima, ungasondeli kum; ngokuba ndingcwele kunawe. Abo bangumsi ezimpumlweni zam, umlilo otsha iimini zonke.
6 Yabona, kubhaliwe phambi kwam, kwathiwa, Andiyi kuthi tu, ndingaphindezelanga; ndiya kuphindezelela esondweni lengubo yabo izenzo zenu ezigwenxa,
7 nezenzo ezigwenxa zooyihlo kunye, utsho uYehova; abaqhumiselayo ezintabeni, bandingcikiva ezindulini; ngako oko ndiya kuwulinganisela umvuzo womsebenzi wabo kuqala esondweni labo.
8 Utsho uYehova ukuthi, Njengokuba incindi ifunyanwa esihlokweni, athi umntu, Musa ukusonakalisa, ngokuba kukho intsikelelo kuso; ndiya kwenjenjalo ngenxa yabakhonzi bam, ukuze ndingonakalisi into yonke.
9 Ndiya kuvelisa imbewu kaYakobi, indlalifa yentaba yam kwaYuda, balidle ilifa abanyulwa bam, bahlale khona abakhonzi bam;
10 iSharon yoba likriwa lempahla emfutshane, nentili yeAkore ibe yindawo yokubutha iinkomo ebantwini bam abandiquqeleyo.
11 Ke nina nimshiyileyo uYehova, niyilibeleyo intaba yam engcwele, nimlungiselayo uThamsanqa isithebe, nimzaliselayo uSihlo iwayini ephithikeziweyo,
12 ndinimisele ikrele, niguqele ukusikwa nonke mpela, ngenxa enokuba ndanibizayo, anasabela; ndathetha, aneva; nesuka nenza okubi emehlweni am; nanyula endingakunanzileyo.
13 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, abakhonzi bam baya kudla, ke nina niya kulamba; yabonani, abakhonzi bam baya kusela, ke nina niya kunxanwa; yabonani, abakhonzi bam baya kuvuya, ke nina niya kudana.
14 Yabonani, abakhonzi bam baya kumemelela ngokuchwayitha kwentliziyo, ke nina niya kukhala ngumvandedwa wentliziyo, nibhomboloze kukwaphuka komoya wenu.
15 Niya kulishiya igama lenu libe sisishwabulo kubanyulwa bam, ikubulale iNkosi uYehova, ke ibabize ngalimbi igama abakhonzi bayo;
16 ngokokude athi ozisikeleleyo elizweni, azisikelele ngoThixo wenyaniso; athi ofungayo elizweni, afunge uThixo wenyaniso; ngokuba zilityelwe iimbandezelo zangaphambili, nangokuba zisithele emehlweni am.
17 Ngokuba, niyabona, ndidala amazulu amatsha nehlabathi elitsha; angakhunjulwa awokuqala, angenyuki athi qatha entliziyweni.
18 Hayi, yibani nemihlali, nigcobe nanini yiloo nto ndiyidalayo; ngokuba, yabonani, ndiyayidala iYerusalem ukuba igcobe, nabantu bayo ukuba babe nemihlali.
19 Ndiya kugcoba ngeYerusalem, ndibe nemihlali ngabantu bam, lingabi savakala khona ilizwi lokulila nelizwi lokukhala.
20 Akuyi kuba savela khona usana oluneentsuku, nexhego elingayizalisanga imihla yalo; kuba umfana uya kufa engominyaka ilikhulu ezelwe, atshabhiswe umoni engominyaka ilikhulu ezelwe.
21 Baya kwakha izindlu, bazihlale; batyale izidiliya, badle iziqhamo zazo.
22 Abayi kwakha, kuhlale bambi; abayi kutyala, kudle bambi; kuba iya kuba njengemihla yomthi imihla yabantu bam, badle into esetyenzwe zizandla zabo abanyulwa bam.
23 Abayi kuzixhamla ngokulambathayo, bazalele ukhwankqiso; ngokuba bayimbewu ayisikeleleyo uYehova, nabaphume ezibilinini zabo banabo.
24 Kuya kuthi bengekabizi, ndisabele; besathetha, ndibe sendivile.
25 Kuya kudla ndawonye ingcuka nemvana, ingonyama idle umququ njengenkomo; inyoka, sibe luthuli isonka sayo. Aziyi kwenza bubi, zonakalise, kuyo yonke intaba yam engcwele; utsho uYehova.