Isahluko 42

Mboneni ke umkhonzi wam endimxhasayo; umnyulwa wam, okholwa nguye umphefumlo wam. Ndibeke uMoya wam phezu kwakhe; uya kukuphumelelisa okusesikweni ezintlangeni.
2 Akayi kunkqangaza, aliphakamise, alivakalise ezitratweni ilizwi lakhe.
3 Ingcongolo evikivekileyo akayi kuyaphula, umsonto oqhumayo akayi kuwucima; uya kukuphumelelisa okusesikweni ngokwenyaniso.
4 Akayi kuba nakucinywa, akayi kuvikiveka, ade akumise okusesikweni ehlabathini, zilindele isiyalo sakhe iziqithi.
5 Utsho uThixo yena, uYehova, udala izulu, alaneke; utwabulula umhlaba neziveliso zawo; unika abantu abaphezu kwawo ukuphefumla, unika abahamba kuwo umoya:
6 ukuthi, Mna, Yehova, ndikubizile ngokobulungisa, ndakubamba ngesandla; ndiya kukulondoloza, ndikwenze umnqophiso wabantu, isikhanyiselo seentlanga;
7 ukuba uvule amehlo eemfama, ukuba ukhuphe abakhonkxiweyo ekuvalelweni, abahleli ebumnyameni ubakhuphe entolongweni.
8 NdinguYehova, lilo elo igama lam; andiluniki omnye uzuko lwam, nendumiso yam andiyiniki imifanekiso eqingqiweyo.
9 Izinto zokuqala, yabona, zifikile; ndixela izinto ezintsha, ke zingekantshuli ndiyanivisa.
10 Vumani kuYehova ingoma entsha, indumiso yakhe kwaseziphelweni zehlabathi, nina bahla baye elwandle, nenzaliseko yalo, nina ziqhithi nabemi bazo.
11 Mayiphakamise izwi intlango, nemizi yayo, nemizana ehleli amaKedare; mabamemelele abemi bengxondorha, batsholoze ezincotsheni zeentaba.
12 Mabamzukise uYehova, baxele indumiso yakhe eziqithini.
13 UYehova uya kuphuma njengegorha, uya kuxhoxha ikhwele njengendoda yokulwa; uya kuduma, ewe, uya kunkqangaza; uya kuba ligorha ezintshabeni zakhe.
14 Kususela kwakude ndithe quthu, ndathi tu, ndazibamba; ngoku ndiya kubefuza njengozalayo, ndibe nephika, ndifuthe nokufutha.
15 Ndobharhisa iintaba neenduli, ndiyitshise yonke imifuno yazo, imilambo ndiyenze iziqithi, ndiwatshise amadike.
16 Ndozihambisa iimfama ngendlela ezingayaziyo, ndizinyathelise kwiingqushu ezingazaziyo; ubumnyama ndibenza ukukhanya phambi kwazo, iindawo ezimagqagala zibe zithabazi. Zizo ezo izinto endiya kuzenza, ndingazishiyi.
17 Baya kubuya umva, badane bedanile, abakholosa ngemifanekiso eqingqiweyo, abathi kwetyhidiweyo, Ningoothixo bethu.
18 Yivani, zithulu; bhekani nibone, zimfama.
19 Ngubani na oyimfama, ingenguye umkhonzi wam? osisithulu njengomthunywa wam endimthumayo? Ngubani na oyimfama njengenqogu, oyimfama njengomkhonzi kaYehova?
20 Ubona izinto ezininzi, akazigcini noko; uvula iindlebe, akeva noko.
21 UYehova uthande ngenxa yobulungisa bakhe ukuwukhulisa umyalo, wawenza wanobungangamsha.
22 Ke bona ngabantu abaphangiweyo, abahluthiweyo, ababotshelelwe emingxunyeni bonke bephela, abafakwe ezintolongweni, baba lixhoba, akwabakho mhlanguli; baba ngabahluthiweyo, akwabakho uthi, Buyisa.
23 Ngubani na kuni oya kukubekela indlebe oko, abaze indlebe, eve emveni koku?
24 Ngubani na owamnikela uYakobi ekuhluthweni, owamnikela uSirayeli kubaphangi? AsinguYehova nalowo sonayo kuye, lowo bangavumanga ukuhamba ngeendlela zakhe, abawuphulaphula umyalo wakhe?
25 Wamphalazela ngobushushu bomsindo wakhe, nangamandla emfazwe; wamlenya ngomlilo ngeenxa zonke, akakwazi noko; wamtshisa, noko akakunyamekela oko ngentliziyo.