Isahluko 25

Yehova, unguThixo wam; ndiya kukuphakamisa, ndiya kubulela kwigama lakho; ngokuba wenze imisebenzi ebalulekileyo, amacebo akho kwakude, ukunyaniseka, inyaniso.
2 Ngokuba umzi uwenze walinxuwa; inqaba enqatyisiweyo yangumwewe; uxande olude lwabasemzini alwaba mzi, ungakhiwa naphakade.
3 Ngenxa yoko baya kukuzukisa abantu abanengcwangu, ikoyike imizi yeentlanga ezingcangcazelisayo.
4 Ngokuba waba ligwiba kwisisweli, igwiba kwihlwempu ekubandezelweni kwalo, ihlathi esiphangweni, umthunzi lakubalela, xa ukufutha kwabangcangcazelisayo kwaba njengesiphango eludongeni.
5 Njengokubalela emqwebedwini, udambise ingxolo yabasemzini; njengokudanjiswa kokubalela lithunzi lelifu, yathotywa ngokunjalo ingoma yabangcangcazelisayo.
6 UYehova wemikhosi uya kuzenzela zonke izizwe isidlo sezinto ezityebileyo kule ntaba, isidlo sewayini egcinwe ngeentsipho, sezinto ezityebileyo ezinomongo, sewayini egcinwe ngeentsipho, yaza yahluzwa;
7 aginye kule ntaba umphambili wesigqubuthelo esizigqubutheleyo izizwe zonke, nesigubungelo esizigubungeleyo zonke iintlanga.
8 Iya kuginya ukufa kuphele, izisule iNkosi uYehova iinyembezi ebusweni bonke, ingcikivo yabantu bayo iyisuse ehlabathini lonke, kuba uYehova ethethile.
9 Kuya kuthiwa ngaloo mini, Yabona, lo nguThixo wethu; besithembele kuye, ukuba asisindise; nguYehova lo besithembele kuye; masigcobe, sivuye ngosindiso lwakhe.
10 Ngokuba isandla sikaYehova siya kuhlala phezu kwale ntaba, anyathelwe amaMowabhi endaweni yawo, njengokunyathelwa komququ emanzini omgquba.
11 Aya kuzaneka izandla zawo emthonyameni wawo, njengokuba indadi izaneka izandla ukuba idade; ke uYehova uya kulithoba ikratshi lawo, kunye nezigcaliselo zezandla zawo.
12 Wozisibekekisa iindonga zakho ezinqabileyo eziphakamileyo, azigungxule, ade azifikise emhlabeni, eluthulini.