Isahluko 46

UBhele uyaguqa, uNebho uya bhanyalaza; izithixo zabo zibekwe emaqegwini nasezinkomeni ezitsalayo; ezi nibe nizithwala zibotshiwe, zingumthwalo kwizinto ezityhafileyo.
2 Izithixo zabhanyalaza, zaguqa kunye, azaba nakuzisiza ekuthwaleni, ke inkqu yazo yaya ekuthinjweni.
3 Phulaphulani kum, ndlu kaYakobi, nonke masalela endlu kaSirayeli, nina nabekwayo phezu kwam kwasesiswini, nina nathwalwayo ndim kwasesizalweni;
4 kude kuse ebudaleni ikwandim, kude kuse ezimvini ndiya kunityatha emagxeni mna. Ndikwenzile mna; ndiya kunithwala mna, ndiya kunityatha emagxeni mna, ndinisize.
5 Ninokundifanisa, nindilinganise, nindinxulumise nabani na, ukuba sifane?
6 Bona bawohloza igolide engxoweni, balinganise isilivere ngesikali; baqesha umnyibilikisi, ayenze isithixo; basibekeke, ewe, baqubude.
7 Bayasithwala, basityathe emagxeni, basibeke phantsi endaweni yaso, sime; asibuyi sisuke kuloo ndawo yaso; ewe, bayakhala kuso, singaphenduli; asisindisi bani embandezelweni yakhe.
8 Khumbulani oko, nibe ngamadoda; kunyamekeleni ngentliziyo, nina bakreqileyo.
9 Khumbulani izinto zangaphambili, zasephakadeni, okokuba ndinguThixo, akukho wumbi; ndinguThixo, akukho namnye unjengam;
10 ukuxelayo kwasekuqaleni okungasemva, nakwabamandulo okungekenzeki, ndisithi, Icebo lam liya kuma, ndikwenze konke ukuthanda kwam;
11 ndibiza ukhozi empumalanga, indoda yecebo lam ezweni elikude; nditshilo, ewe, ndiya kukufeza; ndiyilile, ewe, ndiya kukwenza.
12 Phulaphulani kum, nina bantliziyo ilukhuni, bakude nobulungisa.
13 Ndisondeza ubulungisa bam, abuyi kuba kude; nosindiso lwam aluyi kulibala; ndinika usindiso eZiyon, uzuko lwam kuSirayeli.