UYobhi

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42


Isahluko 17

Umoya wam wonakele, imihla yam icinyiwe, Into yam ngamangcwaba.
2 Inene ndiyinto abadlala ngayo, Neliso lam lilibele ziinkani zabo.
3 Khawubeke into, undimele; Ngubani na yena oya kubambana nam ngesandla?
4 Ngokuba intliziyo yabo uyifihlele ukuqiqa; Ngenxa yoko akuyi kubaphakamisa.
5 Unikela abahlobo ukuba babe ngamaxhoba, Amehlo abantwana bakhe aze aphelelwe.
6 Undimise ndaba ngumzekeliso ezizweni; Ndaba ngotshicelwa ebusweni.
7 Laza lanorhatyazo iliso lam kukukhathazeka; Amalungu am aba njengesithunzi onke ephela.
8 Bamangaliswa abathe tye yile nto; Omsulwa uyazixhokonxa ngenxa yentshembenxa.
9 Ke olilungisa ubambe indlela yakhe, Ozandla zihlambulukileyo uya ekhalipha.
10 Kodwa nina nonke, buyani, khanize; Andiyi kufumana silumko phakathi kwenu.
11 Imihla yam idlule, zijaciwe izigqibo zam, Amafa entliziyo yam.
12 Bathi ubusuku yimini; Ukukhanya kusondele, xa kuza kuba mnyama.
13 Ukuba ndithe ndathemba, ndithembe elabafileyo, indlu yam; Ndandlala umandlalo wam emnyameni;
14 Ukuba ndithe kukubola, Ungubawo; Ndathi kwimpethu, Unguma, ungudade wethu:
15 Liphi na ke ngoku ithemba lam? Ithemba lam, ngubani na owolibona?
16 Liya kuhla liye emivalweni yelabafileyo, Xa siphumla kunye eluthulini.