UYobhi

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42


Isahluko 37

Inene, ngale nto iyagubha intliziyo yam, Ixhume endaweni yayo.
2 Phulaphulani, phulaphulani ukuguguma kwelizwi lakhe, Nokudumzela okuphumayo emlonyeni wakhe.
3 Ukusingisa ngaphantsi kwezulu lonke, Nombane wakhe uye emasondweni ehlabathi.
4 Emva kwawo kubhonga ilizwi; Ududuma ngezwi lobungangamsha bakhe; Akawulibazisi, xa livakalayo izwi lakhe.
5 UThixo ududuma ngezwi lakhe ngokubalulekileyo, Esenza izinto ezinkulu esingenakuzazi.
6 Kuba uthi kwikhephu, Yiwa uwele emhlabeni; Nakwisiphango semvula, Nakwisiphango seemvula ezinkulu zakhe.
7 Isandla soluntu lonke uyasitywina asivingcele, Ukuba babe nokwazi bonke abantu abenzileyo.
8 Amarhamncwa angena emlaleleni, Ahlale ezikhundleni zawo.
9 Engontsini yasentla kuvela isaqhwithi; Kumphephethi wasentla kuvela ukubanda.
10 Ngokuphefumla kukaThixo kuza umkhenkce, Ububanzi bamanzi bucutheke.
11 Kananjalo usindanisa ilifu ngamanzi amaninzi; Uphangalalisa amafu akhe abanekayo.
12 Wona ajikajika ngeenxa zonke ngokwalathiswa nguye, Ukuze enze konke awawamisela khona Ebusweni behlabathi elimiweyo;
13 Nokuba kungenxa yokubetha, nokuba kungenxa yehlabathi lakhe, Nokuba kungenxa yenceba, uyawafikisa.
14 Oko kubekele indlebe, Yobhi; Yima, uyigqale imisebenzi ebalulekileyo kaThixo.
15 Uyazi na ukuwathwesa kukaThixo amafu akhe, Nokubengezelisa kwakhe ukubaneka kwawo?
16 Uyazi na ukulinganiselwa kwamafu, Imisebenzi ebalulekileyo yoSokwazi?
17 Wena ungubo zifudumeleyo, Lakuzola ilizwe lulophu lwasezantsi;
18 Usikhanda usolule naye na isibhakabhaka, Esiqinileyo njengesipili esityhidiweyo?
19 Sazise esingakuthethayo thina kuye; Asinakucacisa nto ngenxa yobumnyama.
20 Wobikelwa na ukuthi ndiyathetha? Umntu uthi makaginywe na?
21 Ke ngoku akubonwa kukhanya Kukhazimlayo, kusesibhakabhakeni; Kudlula umoya, lise.
22 Entla kuziwa negolide; Phezu koThixo yindili eyoyikekayo.
23 USomandla asinakumfumana, mkhulu ngamandla; Akagwenxi siko nabuninzi bobulungisa.
24 Ngako oko bayamoyika abantu; Akabakhathalele bonke abalumke ngokwabo.