UYobhi

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42


Isahluko 40

UYehova wamphendula uYobhi, wathi,
2 Wobambana noSomandla na ke umthethiswa? Umohlwayi kaThixo makakuphendule oko.
3 UYobhi wamphendula uYehova, wathi,
4 Yabona, ndiphantsi. Ndothini na ukuphendula? Ndibeka isandla sam emlonyeni wam.
5 Ndithethile kwakanye, andiyi kuphinda ndiphendule; Ndithethile kwakabini, andiyi kuphinda ndibuye ndiqhube.
6 UYehova wamphendula uYobhi, esemoyeni ovuthuzayo, wathi,
7 Khawuzibhinqise amanqe akho njengomfo; Ndiya kukubuza, undazise.
8 Kanene uya kwaphula nogwebo lwam na, Undigwebe, ukuze ube lilungisa?
9 Unengalo enjengekaThixo na, Ududume ngezwi njengaye?
10 Khawuzihombise ke ngobungangamsha nokuphakama kwakho, Wambathe indili nobungangamela.
11 Makuphalale ukuphuphuma komsindo wakho, Ulibone lonke ikratshi, uligungxule.
12 Libone lonke ikratshi, ulithobe, Ubangqule abangendawo ezindaweni zabo.
13 Baqhusheke eluthulini kunye, Ububophe ubuso babo emfihlekweni.
14 Nam ndokudumisa, Ukuba sikusindisile isandla sakho sokunene.
15 Khawuyibone imvubu endayenza yanawe: Idla utyani njengenkomo.
16 Khawubone, amandla ayo asemanqeni ayo, Nokuqina kwayo kusezinyameni zesisu sayo.
17 Igoba umsila wayo njengomsedare, Imisipha yamathanga ayo ibhijelene.
18 Amathambo ayo anjengemibholompo yobhedu, Amathambo ayo anjengemivalo yesinyithi.
19 Iyintlahlela yeendlela zikaThixo; UMenzi wayo wayinika ikrele layo.
20 Ngokuba iintaba ziyithwalela ukudla, Onke amarhamncwa asendle adlala khona.
21 Ibutha phantsi kwemitholo, Engcotyeni yeengcongolo nomgxobhozo.
22 Imitholo iyigubungela ngomthunzi wayo; Imingculuba yesihlambo iyayijikeleza.
23 Yabona, uhamba phandle umlambo, ayiphakuzeli; Ikholosile, xa kutyhobozela neYordan emlonyeni wayo.
24 Inokubanjwa na, inamehlo nje, Igqojozwe impumlo ngentsimbi yokuthiyela?