UYobhi

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42


Isahluko 2

Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakaThixo beza kuzimisa phambi koYehova; weza noSathana phakathi kwabo, ukuba azimise phambi koYehova.
2 Wathi uYehova kuSathana, Uvela phi na? USathana wamphendula uYehova, wathi, Ekutyhutyha-tyhutyheni ehlabathini, nasekuhamba-hambeni kulo.
3 Wathi uYehova kuSathana, Umgqalile na kodwa umkhonzi wam uYobhi, ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini: esabambeleleyo ekugqibeleleni kwayo, noko undixhokonxele kuyo ukubandiyiginyele ilize?
4 USathana wamphendula uYehova, wathi, Ulusu ngenxa yolusu; konke anako umntu wokunika ngenxa yomphefumlo wakhe.
5 Kodwa ke khawuse isandla sakho ngoku, uchukumise emathanjeni akhe nasenyameni yakhe, ukuba akayi kukulahla na nawe lo, akwenze oko ebusweni bakho.
6 Wathi uYehova kuSathana, Nanko esesandleni sakho; kuphela wogcina umphefumlo wakhe.
7 Waphuma ke uSathana, wemka ebusweni bukaYehova; wambetha uYobhi ngamathumba amabi, wathabathela entendeni yonyawo lwakhe, wesa elukakayini lwakhe.
8 Wathabatha ukhamba ukuba azikhuhle ngalo, ehleli eluthuthwini.
9 Wathi umkakhe kuye, Usabambelele na ekugqibeleleni kwakho? Mlahle uThixo, ufe.
10 Wathi yena kuye, Uthetha njengesidengekazi. Siya kwamkela okulungileyo kuThixo, singamkeli nokubi, yini na? Kuko konke oko akonanga uYobhi ngomlomo wakhe.
11 Ke kaloku izihlobo ezithathu zikaYobhi zabuva bonke obo bubi bumfikeleyo, zeza, saeso sivela endaweni yaso: uElifazi wakwaTeman, noBhiledadi wakwaShuwa, noTsofare waseNahama. Banqophisana ukuba beze, bamkhuze, bamthuthuzele.
12 Baphakamisa amehlo abo besekude, abamazi; baphakamisa izwi labo, balila; bakrazula elowo ingubo yakhe yokwaleka, bazigalela ngothuli entloko, beluphosa phezulu ezulwini.
13 Bahlala naye emhlabeni apho iimini zasixhenxe nobusuku bazo; kungekho namnye uthetha naye, kuba babebona ukuba umvandedwa wakhe mkhulu kakhulu.