UYobhi

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42


Isahluko 27

Wahambisa uYobhi, waphakamisa umzekeliso wakhe, wathi,
2 Ehleli nje uThixo, olisusileyo ibango lam, USomandla, owenze krakra umphefumlo wam
3 (Kuba kusekum ukuphefumla kwam konke, Nomoya kaThixo usemathatheni am),
4 Umlomo wam awuthethi bugqwetha, Nolwimi lwam aluxeli nkohliso.
5 Makube lee kum ukuthi, niyalungisa; Ndoda ndiphume umphefumlo, ndingayisusi kum ingqibelelo yam.
6 Ndobambelela ebulungiseni bam, andiyi kubuyeka; Intliziyo yam ayiyi kungcikiva mini eziminini zam.
7 Malube njengongendawo utshaba lwam, Nosukela phezulu kum abe njengogqwethayo.
8 Kuba liyintoni na ithemba lentshembenxa, xa athe wawunqumla, Xa athe wawurhola uThixo umphefumlo wayo?
9 Wokuva na uThixo ukululahlamba kwayo, Xa ifikelwe yimbandezelo?
10 Khona inokuziyolisa na ngoSomandla? Ingamnqula na uThixo ngamaxesha onke?
11 Ndiya kuniyala ngokusingisele esandleni sikaThixo; OkunoSomandla andiyi kukukhanyela.
12 Yabonani, nonke niphela ngokwenu nikubonile; Yini na ke ukuba nithethe into engento yakonto?
13 Siso esi isabelo somntu ongendawo kuThixo, Nelifa labaziingqwangangqwili, abalamkelayo kuSomandla.
14 Ukuba bathe banda oonyana bakhe, bandiselwa ikrele; Nabaphume embilinini wakhe abahluthi kukutya.
15 Amaqongqolo akhe aya kungcwatywa kukufa, Abahlolokazi bakhe bangalili.
16 Ukuba uthe wafumba isilivere njengothuli, Wazilungisela izambatho njengodaka:
17 Angazilungisa, koko ziya kwambathwa lilungisa, Nesilivere leyo babelane ngayo abamsulwa.
18 Uyakha indlu yakhe njengenundu, Njengephempe elenziwe yimboniseli.
19 Ulala phantsi esisityebi, akaphindi; Uvula amehlo akhe, angabikho.
20 Kumthabatha njengamanzi ukukhwankqa, Simbe ebusuku isaqhwithi.
21 Luyamfukula ulophu lwasempumalanga, emke, Lumqweqwedise endaweni yakhe.
22 UThixo umgibisela angamcongi; Usibaleka asibaleke isandla sakhe.
23 Bamtyhwakrazela izandla, Bamenzele umsondlo, emke endaweni yakhe.