UYobhi

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42


Isahluko 6

Waphendula uYobhi, wathi,
2 Akwaba bekulinganiswe nokulinganiswa ukukhathazeka kwam, Kwabekwa esikalini ukweyela kwam ndawonye nako!
3 Kuba ngoku bekuya kuba nzima ngaphezu kwentlabathi yolwandle; Kungenxa yoko le nto amazwi am angawokubhuda.
4 Kuba iintolo zoSomandla zimi kum, Ezibuhlungu bazo buwufincayo umoya wam; Izidandathekiso zikaThixo zindakhele uluhlu lokulwa.
5 Iesile lasendle likhe lilile na liseluhlazeni? Iyalila na inkomo isekutyeni kwayo?
6 Iyadliwa na into ejavujavu, ingenatyuwa? Sikho na isongo kwintlaka yeqanda?
7 Eyona nto walayo ukuyiphatha umphefumlo wam, Leyo yeyona ikukudla kwam okukruqulayo.
8 Akwaba bendingazuza isicelo sam, UThixo andiphe endikulindelayo;
9 Kukholeke kuThixo ukundityumza, Asivulele isandla sakhe, andinqumle!
10 Ibiya kuhlala ikho intuthuzelo yam; Bendiya kuxhina kwezo ntlungu zingacongiyo; Kuba andiwakhanyelanga amazwi oyiNgcwele.
11 Ayintoni na amandla am, ukuba ndingade ndithembe? Siyintoni na isiphelo sam, ukuba ndingade ndibe nokuzeka kade?
12 Angamandla amatye na amandla am? Inyama yam ilubhedu na?
13 Akuphelile yini na kum ukuncedakala, Ukuzimaseka kwabhejethwa kwakanye?
14 Akuhlaziswa oqotyiweyo ngummelwane wakhe, Uya kulahla ukumoyika uSomandla.
15 Abazalwana bam banginizile njengomlanjana, Njengomphantsi wemilanjana etshayo,
16 Emdaka ngumkhenkce, Elizifihla kuyo ikhephu.
17 Ekufikeni kokufudumala iyabhanga; Lakubalela ithi qoko, ingabikho ezindaweni zayo.
18 Iyajikajika imendo yokuhamba kwayo, Inyuka iye enyanyeni, idake.
19 Imikhoko yakwaTema yabheka, Imiqodi yakwaShebha yathemba yona;
20 Yadana, kuba ibikholosile; Yafika khona, yaneentloni.
21 Kuba ngoku nisuke naba yinto engento, Nibone ukuqhiphuka umbilini, noyika.
22 Khe ndatsho na ukuthi, Etheni kum? Ndipheni emandleni enu?
23 Nindisindise esandleni sombandezeli, Nindikhulule esandleni sengqwangangqwili?
24 Ndiyaleni, ndothi cwaka; Nindiqondise ukulahleka kwam.
25 Asikuko nokuba ayahlaba amazwi athe tye! Ke ukohlwaya kwenu kohlwaya ntoni na?
26 Niba ninokohlwaya ukuthetha oku na? Angumoya amazwi omntu oncamileyo.
27 Ke nangenkedama ningaqashisa, Nirhwebe ngommelwane wenu.
28 Makukholeke kuni ngoku, nibheke kum, Kuba okunene ebusweni benu andiyi kuthetha amanga.
29 Khanibuye, makungabikho bugqwetha, Niphinde nibuye; ubulungisa bam bukule nto.
30 Bukho na ubugqwetha elulwimini lwam? Ikhuhlangubo lam alingekuqondi na ukweyelisela?