UYobhi

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42


Isahluko 19

Waphendula uYobhi, wathi,
2 Kunini na nisenza isingqala kumphefumlo wam, Nindityumza ngokuthetha?
3 Ezi zihlandlo zilishumi nindihlazile; Anidanile, niyandikhwankqisa.
4 Khona ke ndithe okunene ndalahleka, Kuhleli nam ukulahleka kwam.
5 Ukuba okunene nithe nazikhulisa kum, Nandohlwaya ngengcikivo yam:
6 Yazini ngoko, ukuba nguThixo ondigobileyo, Wandirhawula ngomnatha wakhe.
7 Yabona, ndiyakhala, ndithi, Ndagonyamelwa! kungasatyelwa; Ndiyazibika, kungabikho kulungisa.
8 Uyibiyile indlela yam, akwabakho ukugqitha; Ezingqushwini zam wamisa ubumnyama.
9 Undihlube uzuko lwam, Wasusa isithsaba sentloko yam.
10 Undidilizile ngeenxa zonke, ndemka; Walincothula njengomthi ithemba lam.
11 Uwuvuthise ngakum umsindo wakhe, Wandibalela ekuthini ndingowababandezeli bakhe.
12 Zeza kunye izimpi zakhe, Zandifumbela indlela yazo, Zayizunguleza ngeenxa zonke intente yam.
13 Abazalwana bam ubase kude kum, Abandaziyo sebengabasemzini kanye kum.
14 Izalamane zam zindishiyile, Nabazana nam bandilibele.
15 Abahlala endlwini yam, nabakhonzazana bam, Bandibalele ekuthini ndingowasemzini, Ndingowolunye uhlanga emehlweni abo.
16 Ndibiza umkhonzi wam, angasabeli; Ndimbongoze ngomlomo wam.
17 Umoya wam umkruqule umkam; Ndiyanuka kubantwana besizalo esandizalayo.
18 Namakhwenkwe ayandicekisa; Ndakusuka, asuka athethe ngam.
19 Ndilisikizi kumakholwane am, Nabendibathanda bandiguqukele.
20 Amathambo am atshele eluswini lwam nasenyameni yam; Ndisinde macebetshu.
21 Tarhuni, tarhuni, zihlobo zam; Kuba isandla sikaThixo sindiphethe.
22 Yini na ukuba nindisukele njengoThixo, Ninganeli yinyama yam?
23 Akwaba ngoku ebebhalwa amazwi am! Akwaba ebekrolwe encwadini!
24 Ngentlabo yesinyithi, atyhidwe ngelothe, Axholelwe eweni nanini!
25 Ke mna ndiyazi ukuba umhlawuleli wam uhleli; Engowokuphela, uya kusuka eme phezu kothuli lwehlabathi.
26 Emveni kokuba ulusu lwam ludlavulwe lwanje, Ingasekho inyama yam, ndiya kumbona uThixo,
27 Endiya kuzibonela mna ngokwam; Amehlo am ambone, ingabi wumbi. Ziyaphelelwa izintso zam ngaphakathi kwam.
28 Ukuba nithi, Simsukela ngani na? Ingcambu yaloo nto ifunyenwe kum:
29 Nxunguphalani likrele; Kuba ubushushu, bubo ubugwenxa obufanele ikrele, Ukuze nazi ukuba kukho umgwebo.