UYobhi

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42


Isahluko 36

Waqokela uElihu, wathi,
2 Khawenze kuhle, ndikutyele; Kuba kusekho ukuthetha okusingisele kuThixo.
3 Ndiya kukuphakamisela entweni ekude ukwazi kwam, Ndimnike ubulungisa uMenzi wam.
4 Okwenene, akubuxoki ukuthetha kwam; Ogqibeleleyo ngokwazi uphambi kwakho.
5 Yabona, uThixo unamandla, akacekisi bani; Unamandla ngokuqina kwengqondo.
6 Akamlondolozeli ebomini ongendawo; Iintsizana uzinika ibango lazo.
7 Akawasusi amehlo akhe kwabangamalungisa; Ubahlalisa kunye nookumkani etroneni Ngonaphakade, baphakame ke.
8 Ukuba bakhonkxiwe ngemixokelelwane, Bebanjiwe ngezintya zeentsizi,
9 Ubaxelela izenzo zabo Nezikreqo zabo; ngokuba bezenza amagorha.
10 Uzityhilela intethiso iindlebe zabo; Uthi mababuye ebutshingeni.
11 Ukuba bathe beva, bamkhonza, Boyigqiba imihla yabo ekulungeni, Neminyaka yabo ebumnandini.
12 Ukuba bathe abeva, bogqithela emkhontweni, Baphume umphefumlo bengenakwazi.
13 Ke abaziintshembenxa ngentliziyo babamba umsindo; Abazibiki xa abakhonkxayo;
14 Ufe ke ebuncinaneni umphefumlo wabo, Nobomi babo bube bobeng’awu kwindawo engcwele.
15 Uyamhlangula olusizana ngeentsizi zakhe, Ayityhile indlebe yakhe ngokuxinwa kwabo.
16 Nawe ubengakukhululayo yena emlonyeni wembandezelo, Akuse endaweni ebanzi, emzantsi ungacuthekileyo; Nokubekwa etafileni yakho kuzale kukutyeba.
17 Ke wena uzele kukugweba kwabangendawo; Ukugweba nokugwetywa kunako ukukubamba.
18 Kuba ubushushu mabungakuxhokonxeli ekutyhwakrazeni izandla, Nobukhulu bocamagusho mabungathi gu bucala.
19 Ukuzibika kwakho kokubeka ngaphandle kwembandezelo na, Nemigushanxa yonke yamandla?
20 Musa ukuzonda ubusuku Bokususa izizwe esikhundleni sazo.
21 Lumka, ungaguqukeli konobutshinga; Kuba unyule loo nto kuneentsizi.
22 Yabona, uThixo uphakamise ukwenza ngamandla akhe; Ngubani na umyali onjengaye?
23 Ngubani na omphathise indlela yakhe; Ngubani na ongathi, Wenze ngobugqwetha?
24 Khumbula ukuba uwukhulise ngendumiso umsebenzi wakhe, Awuhlabele ingoma amadoda.
25 Bonke abantu bayawubona; Umntu uwukhangela emgama.
26 Yabona, uThixo mkhulu, asimazi; Inani leminyaka yakhe aligocagoceki.
27 Kuba utsalela phantsi amathontsi amanzi, Achaphaze eyimvula enkungwini yakhe,
28 Esiyinisayo isibhakabhaka, Ivuze phezu kwabantu abaninzi.
29 Kanene baya kuqonda na ukwanekwa kwamafu, Nokuzongoma komnquba wakhe?
30 Yabona, waneka phezu kwakhe ukukhanya kwakhe, Azigubungele ngamazantsi olwandle.
31 Kuba ngezo nto ugqweba izizwe, Unika ukudla ngento eninzi.
32 Izandla zozibini uzigubungela ngombane, Awuwisele umthetho ngokochanayo.
33 Ukugquma kwakhe kuyamxela, Kwaneenkomo, ukuba uza kunyuka.