UYobhi

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42


Isahluko 28

Kuba kukho apho iphuma khona isilivere, Nendawo yegolide abayihluzayo.
2 Isinyithi sithatyathwa eluthulini, Banyibilikisa amatye abe lubhedu.
3 Baphelisa ubumnyama, Bebhekisa eziphelweni zonke, Begocagocela amatye asesithokothokweni nawasebumnyameni obuthe shinyi.
4 Bemba umngxuma kude kwabemiyo, Belityelwe lunyawo lwabahambi; Baxhomekile bekude nabantu, bayajinga.
5 Umhlaba-kuphuma ukutya kuwo; Umzantsi wawo ubhukuqwa ngathi ngumlilo.
6 Indawo yesafire ngamatye awo, Amagada egolide akuyo;
7 Yingqushu engaziwa xhalanga, Engathiwanga nzo liso lantloyiya,
8 Enganyathelwanga thole lanyamakazi inyalasayo, Engahanjwanga nayingonyama.
9 Usa isandla sakhe nakwiqhwitha, Uzibhukuqa ezingcanjini iintaba.
10 Ugqobhoza imijelo emaweni; Libona zonke izinto ezinqabileyo iliso lakhe.
11 Uvingca imilambo ingavuzi, Okufihlakeleyo akukhuphele emhlotsheni.
12 Ke bona ubulumko bufunyanwa phi na? Iphi na indawo yengqondo?
13 Akalazi umntu ixabiso labo; Abufunyanwa ezweni labahleliyo.
14 Amanzi enzonzobila athi, Abukum; Ulwandle luthi, Abunam.
15 Akurholwa golide ithe shinyi esikhundleni sabo; Akulinganiswa silivere ibe yintengo yabo.
16 Abumelwa yigolide ecikizekileyo yakwaOfire, Nesardonisi enqabileyo, nesafire.
17 Azinakulingana nabo igolide negilas; Abunakwananana neempahla zegolide engcwengiweyo.
18 Zingasakhunjulwa iikorale neekristale, Ukuzuzwa kobulumko kuphezu kweeperile.
19 Ayinakulingana nabo itopazi yakwaKushi; Abumelwa yigolide ecikizekileyo, ecocekileyo.
20 Ubulumko buvela phi na ke, Yiyiphi na indawo yengqondo?
21 Bufihlakele emehlweni eento zonke eziphilileyo; Busithakele nasezintakeni zasezulwini.
22 Inzonzobila nokufa kuthi, Sibuvile ukubuva ngendlebe.
23 NguThixo oyiqondayo indlela yabo, Nguye oyaziyo indawo yabo.
24 Kuba yena ubheka eziphelweni zehlabathi, Ubona phantsi kwamazulu onke;
25 Ngokuwenzela umoya ubunzima bawo, Namanzi awalinganise ngomlinganiso;
26 Ekuyenzeleni kwakhe imvula ummiselo, Nombane wendudumo indlela:
27 Waza wabubona, wabubala; Wabumisa, wabugocagoca nokubugocagoca;
28 Wathi emntwini: Yabona, ukoyika iNkosi, bubulumko obo, Nokutyeka ebubini kuyingqondo.