UYobhi

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42


Isahluko 7

Akaphume mkhosi na ehlabathini umntu? Ayinjengemihla yomqeshwa na imihla yakhe?
2 Njengesicaka esibe sizonda umthunzi, Njengomqeshwa olinde umvuzo wakhe?
3 Ndenjenjalo ukwamkeliswa iinyanga ezinenkohliso, Ndabalelwa nobusuku bobubi.
4 Ndakuba ndilele phantsi, ndithi, Ndiya kuvuka nini na? Ukuhlwa kolukile, Ndidikiwe kukuqikaqikeka kude kuse.
5 Inyama yam yambeswe iimpethu namagada omhlaba; Ulusu lwam lungamaqhula, lubhiqiza.
6 Imihla yam ikhawuleza ngaphezu komkhonjana womluki, Iphela kungekho themba.
7 Khumbula ukuba bungumoya ubomi bam; Iliso lam aliyi kubuya likubone okulungileyo.
8 Aliyi kuba sandalama iliso londibonileyo; Amehlo akho ekum, ndingabikho.
9 Liphelile ilifu, limkile; Unjalo ohla aye kwelabafileyo, akenyuki.
10 Akabi sabuyela endlwini yakhe, Ingabi samazi indawo yakhe.
11 Nam andiyi kuwubamba umlomo wam; Ndiya kuthetha ekubandezelweni komoya wam, Ndikhalaze ebukrakreni bomphefumlo wam.
12 Ndilulwandle na, ndiyingwenya na, Ukuba undimisele umlindo?
13 Xa bendisithi, Wondithuthuzela umandlalo wam, Sondithwalisisa inkalazo yam isingqengqelo sam:
14 Wesuka wena wandoyikisa ngamaphupha, Wandidandathekisa emibonweni,
15 Wada umphefumlo wam wanyula ukukrwitshwa; Wanyula ukufa ngaphezu kwamathambo la.
16 Ndikruqukile; andingi ndingadla bomi ngonaphakade; Ndiyeke, kuba ingumphunga imihla yam.
17 Uyintoni na umntu lo, le nto umkhulisayo, Le nto uyisingise kuye intliziyo yakho,
18 Umvelele imiso yonke Umcikide imizuzu yonke?
19 Kunini na ungawasusi amehlo kum, Ungandiyeki, khe ndiginye amathe?
20 Ndithe ndona, ndingakwenza ntoni na? Wena mlindi woluntu, Yini na ukuba undenze itekeni, Ndibe ngumthwalo kum?
21 Yini na ukuba ungasixoleli isikreqo sam, ungabudlulisi ubugwenxa bam? Kuba kaloku ndiya kuzilalisa eluthulini; Wondondela kakhulu, ndingabikho.