Isahluko 114

Ekuphumeni kukaSirayeli eYiputa, Kwendlu kaYakobi ebantwini abantetho ingaziwayo,
2 UYuda waba yingcwele yakhe, USirayeli waba sisikumkani sakhe.
3 Ulwandle lwabona, lwasaba, IYordan yabuya umva.
4 Iintaba zadloba njengeenkunzi zeegusha; Iinduli, njengamatakane omhlambi.
5 Ubunani na, lulwandlendini, ukuba usabe? Wena Yordan, ukuba ubuye umva?
6 Nina zintaba, ukuba nidlobe njengeenkunzi zeegusha? Nina zinduli, njengamatakane omhlambi?
7 Wena hlabathi, zibhijabhije ebusweni beNkosi, Ebusweni boThixo kaYakobi;
8 Uloguqula iliwa libe lidike lamanzi, Iqhwitha libe yimithombo yamanzi.