IiNdumiso
Isahluko 21
Kumongameli. Umhobe kaDavide. Yehova, uvuyile ngamandla akho ukumkani, Asikuko nokuba uyagcoba ngosindiso lwakho!  
2 Umnike umnqweno wentliziyo yakhe Akwasilandula isicelo somlomo wakhe. (Phakamisani.)  
3 Ngokuba umkhawulela ngeentsikelelo zokulungileyo, Umthwesa isithsaba segolide engcwengekileyo.  
4 Wacela ubomi kuwe, wampha, Wamnika imihla emide ngonaphakade kanaphakade.  
5 Lukhulu uzuko lwakhe ngosindiso lwakho; Ubeka phezu kwakhe indili nobungangamela.  
6 Ngokuba umenze waba yintsikelelo ngonaphakade, Umvuyisa ngovuyo ebusweni bakho.  
7 Ngokuba ukumkani ukholose ngoYehova, Ngenceba yOsenyangweni akayi kushukunyiswa.  
8 Isandla sakho siya kuzifumana zonke iintshaba zakho, Esokunene sakho siya kubafumana abakuthiyayo.  
9 Uya kubenza babe njengeziko lomlilo, wakubonakala. UYehova uya kubaginya ngomsindo wakhe, Nomlilo ubadle.   
10 Uya kusitshabalalisa isiqhamo sabo emhlabeni, Imbewu yabo koonyana babantu.   
11 Ngokuba bakuthobela ububi, Bacinga iyelenqe; abayi kufeza nto.   
12 Ngokuba uya kubenza bakunikele umhlana; Ngesaphetha sakho uya kuxuna iintolo zakho ebusweni babo.   
13 Phakama, Yehova, ngamandla akho; Siya kuvuma sibethe uhadi ngobugorha bakho.